uialia uWiLEEAFORCE 1DODA

A
 BANTU baphume ngendiu yabo ukuya eMonti bevela mbombo zone zeli nasemazweni
anjengaseSwazini, eBotswana naseZimbabwe ukuya kuzimasa umtshato kaFrank Sabuka oyinzaielwane yaseBizana obetshata nemvumi yaseMdantsane, uKhanyisa Nkantsu. Kwaye bebezokonwaba nokhanyisa njengoko ngale mini ebekwabhiyozela nomhla wakhe wokuzalwa.
UMfundisi Anaid Nazo weAssemblies of God Church utshatise esi sibini ngelixa uMfu. Themba Mahlaba waseThekwini ubeshumayela. Ngaphandfe kwabalandeli bakakhanyisa, kwiindwencfwe ebezikho bekuquka amalungu eAssemblies of God Church nomhlobokazi osenyongweni kaKhanyisa, uRebecca Malope -obesisithethi sembeko.
URebecca uphambanise abantu xa echaza - njengoko sele ebaxelele abakwaBONA kwinqaku elipapashwe kwinyanga ephelileyo - uthe naye uceba ukutshata. Kodwa kwakhona umangalise wonke umntu ngokungalichazi igama lesithandwa sakhe.
Nangona abantu bebonwabele iindaba ezimnandi zikaAebecca, ibiyimini yomtshakazi. Uthe ukhanyisa akukhwela eqongeni ezokucula neqela lakhe, iYouth With Mission, okokugqibela, ilizwi Iakhe linkenteze kamnandi kwiHolo yeDolophu, esonwabisa abantu ebebezokuvuyisana naye.

Yimini emnandi kuFrank Sabuka
nomtshakazi wakhe, ukhanyisa.
Amaqela egospeli aseMpuma Koloni naseNtshona Koloni, eBhayi naseBizana onwabise iindwendwe kwitheko lereception. lndlela elicule ngayo iqela legospeli ekudala lifumana iimbasa iLord Comforters yaseZwelitsha ichukumise iintliziyo zabantu zabenza bema ngeenyawo -kodwa, nangona kunjalo, ayinakuthelekiswa nentlokomo abuliswe ngayo uRebecca xa ekhwela eqongeni.
1. Imvumi ehfabelefayo yeYouth With Mission, uKhanyisa Nkantsu, ecula okokugqibela neqela Iakhe - ofotwe naye nguxolani Qushu.

2. Besonwabisa kulo msitho omnandi -aba bantwana bonwabe kakhulu xa bebezimase umtshato kaKhanyisa.

3. Bencokola ngemitshato, umhiobo wakhe - uRebecca Malope uwala umhlobo wakhe ukhanyisa Nkantsu emva komtshato wakhe. UAebecca naye ubengeze ukuba uceba ukutshata...
BpNA XHOSA - April 2000 17




upluindo
Byhek Abkhweth
Ukufa nokungoluswa
kakuhle okushiya
abakhwetha
belahlekelwa bubudoda kothus umzi malunga nesiko lwakwaXhosa elinenkqayi1 UPONKO MASIBA uthelekisa amava akhe aze.abuze isizathu sale ntlekele
U
 YA KUTHI ufunda oku abe amakhwenkwe akwaXhosa aminyaka eli-1 8 elungiselela ulwaluko kwezi holide zobusika. Amawaka waka seie echwayitile kuba oluke ngoDisemba kodwa ambalwa kuwo asinde kumdlanga.
ltshoba lilele umbethe kwishumi Iabakhwetha aboluke kubusika bango-1 999 ukanti ekupheleni konyaka kuqala u-2000 kusweleke abane baza abangama-97 baqabuka sebelele esibhedlele. Ukufa kwabakhwetha okungaka ingakumbi kwiMpuma Koloni kuxhalabisa abazali ingakumbi oomama.
,Ngoxa abaphikisa iindlela zokwaluka kule mihla befuna
lipheliswe eli siko, abanye bafuna kubhenelwe kwiindlela zonyango ezisemgangathweni nezala maxesha. UGqr Mamisa Chabula ongumama woonyana abahlanu neentombi ezintlanu nokwangumelathisi weenkonzo zeMpilo kwiWestern District Council eMpuma Koloni ubone okumanyumnyezi emsebenzini wakhe.
Amakhwenkwe amabini asuka eNgqushwa eMpuma Koloni kwafuneka anqunyulwe ubudoda, kwamanye kwafuneka kongulwe ulusu ukuze enzelwe amalungu okuchama.
USizwe Nanko (ekungelilo igama lakhe lokwenyani) ungomnye wabakhe bagaxeleka
Oogqirha bazama ukunyanga umonakalo obangelwa ngumdlanga obuthuntu - maxa wambi ngomdlanga nje omnye koluswa ama-20 amakhwenkwe.
18 BONA XHOSA -Apr 2000

